Umbuliso omkhulu kusihlalo kunye nekomiti yakhe iphela.
KwiNkosi,amasekela waNkosi, Izithethi zaseMampingeni, nenkokheli zonke ngokushiyana kwazo, bhotani.
Mzi WaseMampingeni sithi silolulutsha laseMampingeni ebelibambe indibano apha kuDecember 2020 masibulele kuni nizinkokheli zaMampinga ngokusivumela ukuba sibenale ndibano besinayo. Siyayazi ukuba beninokungasivumeli xa beningaboni mfuneko Yaya.

Ingxeko yomhlangano ime ngoluhlobo.
Ukuqala kumalungiselelo womhlangano, sifuna ubamba ngazibini ku Dr Noqamza ngendima ayidlalileyo ekuqinisekiseni ukuba sinxiba iskipa zaMampinga njengoko ebe yi-middle man phakathi kwethu nomntu othunga izikipa. Siyabulela Mawawa(Dr Noqamza) singabantu abatsha baseMampingeni.
Siyazi ukuba asigqibelisanga ukuxhasa ingxowa ka National ngokuthenga yonke into ethengiswa nguNational wethu, ngenjongo zonyusa ingxawa.
Singabantu abatshana siye sazama kangangoko ukudibanisa umzi wamaMpinga kwi social network ezimbini(2). Ku Facebook and WhatsApp. Injongo ibinye kukudibanisa AmaMpinga mbombo zone zelimiweyo.
Kwaye kwathiwa ngamaMpinga ekwi khasi lika Whatsapp agqiba kwelokuba masibene ntlangano(indibano) esinzenzayo ngonyaka, Kulapho ke kuye kwanyanzeleka ukuba konyulwe committee members ezizoququzelela indibano yethu yokuqala.
Kwaye ke konyulwa lamalungu alandelayo:
- Mr. Vuyani Mbunjelwa – Chairperson
- Mr. Wandile Myaleni – Deputy Chairperson
- Ms. Zodwa Mbalo – Secretary
- Ms. Zoleka Jansen – Treasurer
- Ms. Siziwe Mdlalo – Additional Member
- Mr. Ncedo Mbunjelwa – Additional Member
Yaye yaqhuba kakuhle ke le committee, kodwa kuthe ngokukhula kwe group, kwavela ingxaki ezabangela kubekhona amalungu amabini ehlayo(aphumayo} kwi committee. Lonto yenza ukuba siphinde siyise kwi group enkulu, apho kwaye kwaphindwa konyulwa amalungu kusongezwa kwango akhoyo.
- Mr. Vuyani Mbunjelwa – Chairperson
- Mr. Wandile Myaleni – Deputy Chairperson
- Ms. Zodwa Mbalo – Treasurer
- Ms. Zamawawa – Secretary
- Mr. Ncedo Mbunjelwa – Additional Member
- Mr. Sam Solani – Advisor
Yabayi-committee ke eyasisa eMthatha kwintlangano yethu yokuqala.
Kumalungiselelo aya eMtata kwilala yase Rosse, kwakukhutshwa R600 ngamntu ngamnye, kodwa kuthe ngenxa yemigaqo ye Covid-19 sazicutha intsuku, kuba sazijonge indibano yentsuku ezimbini, saphela siyenza ibayeyosuku olunye. Nemali yaye yathotywa kwakhutshwa R300 ngomntu ngamnye.
Ngenxa yezinto zika December zange sikwazi ukubano Chairperson ka National wamaMpinga Dr Noqhamza kodwa ke waye wacela(delegate) amanye amalungu kaNational ukuba abeyinxenye yethu, uChief Zwelenqaba kunye Mr Dan Songwiqi nabo zange bakwazi ukufika ngenxa yongxakeko zika December. Baye bangxengxeza kwalathuba besitsho ukuba abazuphumelela,ngenxa yezingcwabo ekwakumele baye kuzo.
Event yona yaye yaqhuba nangona bangazange ngobuninzi babo abantu, lonto yenza ukuba sisole imiqathango ye Covid-19 kuba yabenenxaxheba enkulu eyidlalileyo ekwenzeni lendibano ingabiyiyo lento besiyinqhwenela.
Kwakumele konyulwe committee kulomhlangano kodwa ngenxa yenani elaliphantsi, zange sikwazi.
RESOLUTIONS
Kwaye kwagqitywa ke ngabantu ebabekhona kulentlangano ukuba indibano elandelayo iyakubanjelwa eKokstad. Umququzeleli wayo nguMpinga Siyabonga Mthunywa. Kulendibano kwaye kwavunyelwana kwelithi kuzonyulwa ikomoti ezakuthatha ulutsha lweSizwe SamaMpinga lubekwe kwelinye inqanaba.
Incukaca zalomhlangano nazi ngezantsi:
Date : 9 & 10 July 2021(Friday and Saturday)
Venue : Kokstad
Time : will be confirmed later
Contributions : R600 per person.
ACKNOWLEDGEMENT OF COVID 19 REGULATIONS
Siyaya ukuba sijongene nalento ye Covid-19, kodwa lonto asifuni ime ngaphambili kwezicwangciso zethu. Sinethemba lokuba xa kufika ezantsuku ayobe ehlile amaqondo wayo.
UMBULELO
Siyabulela kuyo onke is a aMampinga athe akhupha imali zawo ngenjongo zoxhasa umhlangano wethu kunye nango athe athenga izikipa kuNational weSizwe SamaMpinga. Sithi kuni makubechosi kubehele. Ukwanda kwaliwa ngumthakathi.
For more information about this report please kindly contact Mr Vuyani Mbunjelwa or Mr Wandile Myaleni
Reported by Mr Wandile Myaleni