UYATHANDA!!! AWUTHANDI!!! AMAMPINGE NGAMAQHAWE, NGAMAGORHA; AKWAZINKOKHELI NGENDALO.
Yinyaniso engenakuphikiswa bani into yokuba AMampinge ngamaqhawe, ngamagorha ekwazinkokheli ngendalo.
Nabuphi ubukumkani nobukhosi obufuna izinto zihambe ngendlela buyayazi into yokuba uMpinge kufuneka engekho kude.
Ukuba awuqondi masikwenze uqonde. Ukumkani U Gcaleka wayengaphazamanga xa wathatha uMbhala ka Nkqoshe wamenza elona phakathi lakhe liphambili. Ukumkani akaphelelanga nje apho, kuwo onke amagqirha awayekho ngeloxesha, wakhetha ukuthwasiswa ngu Mbhala ka Nqkoshe (iMpinge) mfondini. Isizathu soku yintembeko nokunyaniseka kwaMampinge. Ikwayile ntembeko nokukunyaniseka eyabangela konyulwe i Mpinga ukuba lenze uphando lokuba into yomtana kuxa inaziphi impawu khonukuze akwazi ukukhululwa ayokwenda afike andise umzi lowo ayokwendela kuwo. UMpinge walwenza uphando weza neziphakamiso ezisalandelwa nanamhla oku. uMpinge walwenza ngempumelelo uphando weza nesiphakamiso esaba luncedo kakhulu nesithi”into yomtana ingaba noboya ilungele abadala..
Ukuba awukakholwa khawuphinde urhabule apha ungafinci, ingotya ( chief) yamaQwathi u chief Dalasile yathi yakubona ukuba izinto zingxamele ukungalawuleki yalanda igorha inkosi u Dungulu yaze yamabela umhlaba yambeka njengentloko, namhlanje sinelali ebizwa ngokuba kukwa Vetyu ibizwa ngenye yenzalelwane zika nkosi U Dungulu( Mpinga). Inkosi u Langalibalele Jumba naye wayebeke ecaleni kwakhe elona khalipha leMpinge uMbhokodi. Imbali ithi bawela kunye edabini e Mhlwazi e Qebe kumda we Ngcobo ne Dyoki. Imbali ihambisa ithi badutyulwa ngamadlagusha.Uyazibonela ke ngoku ukuba kungani inkosi nezikumkani zingehlukani naMampinge, yintembeko nokunyaniseka okungangxengwanga. Ezo zihambela kude naMampinge zibuntengantenga nangoku. Impinge ngokwendalo lineziziphiwo; ububele obulingana nenkohlakalo yalo. Lilunga elingonqeniyo ukuphakamisa amakhwapha xa kunyanzelekile, linembeko, lithobekile, linyanisekile, linentlonipho yaye lithembekile.
Inkosi u Mantyi waMantusi wayebeke ecaleni kwakhe umtshana wakhe u Dlongwana ( uyise ka Mputumi Manana) Nangona wayemncinci uDlongwana inkosi imfihlo zayo yayiziphalaza kuye nanjengoko wayengalithi pahaha ihlebo. Ne nkosi UMchilizwa unyana ka Mantyi wasondeza ecaleni kwakhe uDlongwana. Wancedisa kakhul ekulawuleni ilali yaseMantusini eyayithandwa kakhulu ziziphithiphithi nemfazwe.
Andikagqibi, kusekude engqinibeni, uthini ngo Matakane Ngceza e Bizana. Kuqhusaka, ubhaco kwanodulubhentsu owabangelwa kukuhlaselwa kwaMampondomise, aMampinge achaphazeleka. Amanye afuduka eshiya Imbalisweni ahamba ngamanye ngamanye okanye engamaqela. UMatakane yinzala yeqela elalisuka eMbalisweni lihamba no Nomnyama umninawe ku Chief Ngoni. Ekufikeni kwakhe e Bizana, u Matakane neqela lakhe bafika ibambene ngezihluku impi yeMizize na Madiya kubangwa ubukhosi. Imizize yakhawuleza yabuqaphela ubukroti baMampinge yawasondeza. Kowu latshonemini kweyaMadiya ebhokile uMatakane esebenzisa amayeza empi. Yaphumelela ke Imizize yabufumana nobukhosi. Imizize yaliwonga eliqhawe lase Mampingeni u Matakane wanikwa isikhundla sobubonda ( headman Esiseleni) kwindawo eyaziwa namhlanje ngokuba kukwa Jali. Umninawa ka Matakane ongu Mehlwana, waye wabuyela eNtabankulu apho inzala yakhe ikhona. Ifani ezizezi, Vutha, Bulala, Khundla, Xoko (Xhoko), Mtsolo, Sigwebela, Madebe, Mqushwana njalonjalo ziphuma kweli kroti lingu Matakane nomkhuluwa wakhe uKhundla bendlu ka Nomnyama onguninawa ka Ngoni. u Khundla, Matakane no Mehlwana bazalwa nguNgceza yena uNgceza ungumfowabo ka Xambalomthala. uXambalomthala yena uzala ezizindlu zilandelayo ngase zantsi.
U Steff “Dum-Dum” Noqamza, wayeliphakathi elikhulu lika Chief Nomagqwethekana Mzize ingotya yeMizize (eBizana) eyayidume ngobuchule. Imizize yileya yayincediswe ngamaMpinge ukuze iphumelele idabi naMdiya. U Steff wayekwangumgcinimbali nemvelaphi ya Mampinga e Bizana. Kwathi naxa aMampinge ayethukwa esenyeliswa ebizwa ngawo onke amagama okuthoba izidima kude kuthiwe zizilambi, zange aphelemandla uMpinga waqhubekeka eyigcinile imbali yaMampinge. Eligorha lalisisisele senyathi kwimbali ya Mampinge yaye yayingumnqweno wakhe ukuba ngenye imini uyoze athathe onke aMampinge khe kuyobonwa eMbalisweni. U Steff wayenesiphiwo esisodwa sokudibanisa imihlambi eyalanayo ekwangumsombululi wengxabano kwanomxolelanisi ophume izandla. Ukuba ngu sozimbali wabushiya kunyana wakhe ongu Saziso Noqamza ( utata ka Dr Noqamza).Njenga Mpinge loqobo uSteff wayethembekile engafuni nokuva ngo nkosi u Nomagqwathekana, Wade wabanjwa wavalelwa iminyaka ebanjelwa inxaxheba nendima awayidlalayo kumadabi ekhusela inkosi uNomagqwathekana.
U Steff ke ngu tatomkhulu(grandfather) ka Doctor MP Noqamza. Ezizindlu neefani(surnames) ezizezi; Noqamza ( Noqhamza); Geza; Soboyi (Sobhoyi); Fingwa; Bobo (Bhobho),Dwayi, Ngayi, Mboko e Bizana zizindlu ezikweliqela la Mampinga. Kwakudla ngokuthi kwakubanzima kubizwe i “Devu” ngu Steff ke lowo. Abanye babembiza kanjalo ngenxa yama devu akhe. Eli “Devu”litsho lindikhumbuze Usgobodo ka Mafa umfo ka Mqangabhodo e Lusikisiki. Yinkalanzinzi yase Mampingeni igorha lomfo. Usadla amazimba. Ziyamazi zonke intsizwa ukuba wayengadubuleki futhi ungasoze umhlabe ngomkhonto sele ephantsi elele ngomqolo. Ungayibuzi kum imfihlo yakhe yibuze kuye usadla amazimba.
1. MPINGA. Lo ngunyana ka kumkani u Ntose kwiqadi lendlu enkulu. Wayezinze kummandla wase Mbalisweni apho ingcambu zawo onke AMampinge zikhoyo. U Mpinga wabulala ingwe (tiger) eyedwa. Akaphelelanga apho waphinda wabulala inkunzi yengonyama ( ibhubesi) eyedwa endaweni namhlanje ebizwa ngokuba kuse Bhubesini. Kuloqulukubhode ibhubesi lamqhawula umlenze. Kulapho ingubo yakhe yobukhosi yengwe kunye nebhubesi lakhe zathi lebiwa ngabantu abenza ngathi bayamnceda kanti abathethi lonto. Ilishwa lelokuba ikwayinzala ka Ntose le yenza obobubi.
2. SENZWA. Ngomnye wonyana okanye inzala ka Mpinge. Ligorha elingenambaliso nalo eli njengoyise( like father like son). USenzwa wafika imelene imikhosi yaBathembu naMagcaleka kuzojuba izigede ijonge ukuhlaselana. Zange aphozise maseko waqonda kwimpi ya MaGcaleka wafika wathatha umkhonto kwindoda ephambili wawophula kabini ngedolo. Waphinda wenza njalo nakuBathembu. Engathethanga nelimdaka yajika eyaMagcaleka yajonga apho ibivela khona neyaBathembu yenza ngokunjalo yaphela imfazwe. Ngalondlela impalalo gazi layinqanda iMpinge lilodwa jwi.
3. UMBHALA KA NKQOSHE. Ngumakhwekhwethe wegqirha lase Mampingeni. Wayeliphakathi elikhulu nelithembekileyo lika kumkani u Gcaleka nelalimthwasisa ukuze abeligqirha.UMbhalawayekwayiyointongaesekhosikakumkaniuGcaleka**.** Umfo ka Nkqoshe wayelifanankosi okanye ifanakumkani lokwenene. Yathi ikumkani u (Gcaleka) yakuqengqeleka eliweni ibesele itshona esizibeni kumlambo iNgxingxolo ngomnyaka u 1778, uMbhala zange aphozise maseko waziqengqa kweloliwa wayotshona kwesosiziba naye wafa kunye nekumkani.
4. INKOSI UDUNGULU. Ligorha ne kroti lamaMpinge eli elazibalulayo ezimfazweni lisilwa phantsi kwesizwe saMaqwathi phantsi kwe ngotya u (Chief) Dalasile. Ubeyintandane ku Maqwathi ingakumbi ingotya u Dalasile kangangokuba kwathi xa izinto zingahambi kakuhle yagqiba ingotya u Dalasile ukuba kufuneka indoda eligorha nenobuchule. Zange isokole ingotya ekutyumbeni u Mawawa mfondini yamsikela umhlaba yaze yambeka ngokuse sikweni ukuba alawule lo ngingqi asoske ancedise ukusombulula ingxaki leyo yayisidla umzi ngeloxesha xanduva olo walenza ngempumeleo. Namhlanje ilali yaku Vetyu ephethwe yinkosi u Zwelenqaba Dungulu likhaya lesibini lamaMpinge amanyeneyo jikelele. AMampinge ayakhahlela kweligorha.
5. ENOCK- MANKAYI SONTSONGA. Eli iMpinge alidingi mbaliso. Liyaziwa zizizwe ngezizwe zehlabathi. Lichule lomqambi nemvumi ebalaseleyo eyayikwangumfundisi ntsapho. Zitsho zonke intlanga nezizwe namhlanje zithi “Nkosi sikelela I Afrika” Kungenxa yalenkcubabuchopho. Wayeyibona u Mawawa I Afrika isisisulu sengcinezelo norhwaphilizo ngo ngxowankulu bezizwe ngezizwe. Namhlanje I Afrika isikelelekile, izimele, iyakwazi ukuzithethela. Enkosi Mpinge.
6. MBHOKODI. Lelinye lamagorha ase Mampingeni elalibalasele nalo ezimfazweni. Wayeyintonga esekhosi ka nkosi u Langa Jumba. Inkosi yayisoloko iqiniseka ukuba xa ihlomile iyohlasela u Mbhokodi usecaleni kwayo. Kowu njengo nkosi u Dungulu, uMbhokodi wayesaziwa ngokungabuyimva xa ihlasela. Imbali ihambisa ithi yena nonkosi U Langa Jumba badutyulwa babulawa ngamadlagusha eMhlwazi ku Qebe. AMampinga ngamafanankosi/ mafanakumkani oqobo. Zikumkani nani zinkosi ingathi ngeniwasondeza aMampinge.
7. ROBERT NDIKUBHEKILE NGQOBE. LiMpinge lokuqala ukufumana imfundo enomsila livela kwikhaya ekungafundwanga. Ngomnye wabantu bokuqala kwingingqi ye Transkei ukufumana imfundo enomsila. Ubengumqambi kwanomdlali we kostina obalaseleyo. Nguyise womqambi maculo ophume izandla nohlonitshwe lilizwe lonke u Christian Thanduxolo Ngqobe. UMpinga sele efunde enjalo ekwayiyo inqununu wayezithanda izinto zesintu abuye esikolweni aphose phaya ezobukhumsha angene kwezakwantu axubane nabo noko babengayifumananga intlahla yokufunda njengaye.
**8. MBUYISELO MAJIKIJA- “**Yaqala inkathazo madoda” andazi mandiqalephi ukuchaza lengqondi. Namhlanje aMampinge mbambozonke zehlabathi amanyene. Kungenxa yemigudu yeliqhawe. Lo ngunozala webuyambo nemanyano yamaMpinge. LiMpinge elinezinto zalo eli elazifumana ngokusebenza nzima. Uthi xa athethayo, “iMpinge elingenabuhlanti kwalo lisavusa ikulonina” Utata UMbuyiselo ude wamnabela uqaqaqa eshumayela ivangeli yemanyano ya maMpinge. Wayenawo umbono othi aMampinge onke makabe nendlela yokuzibiza nokwaziwa khonukuze azane. Umzekelo yena wayezakuba ngu Mbuyiselo Majikija-Mpinge. Emva kweminyaka eliqela yalala ukuthula le ngwevu yaMaMpinge iphupho neminqweno yayo iya fezekiswa. AmaMpinge amanyene, ayakhile ayivula ngokusesikweni indlu ka Mbhala ka Nkqoshe kwa Vetyu Engcobo. Azimisele emanyene enjalo ukulanda umoya ka Mbhala e Ngxingxolo. Azimisele ukuba ifani zawo zigqibele ngo Mpinga. Uyinzala ke yegorha nekroti elalisaziwa ngokubalasela ngokuchana nangokubinza ngomkhonto u “Majikijela ngomkhonto obuthuntu.”
9. U Lennox Mpumelelo NDUDE. Yinkokheli enyulwe ngokusesikweni njengosihlalo wemanyano yamaMpinge. UMawawa akakwazi ukuphumla nanjengoko u Majikija wayishiya kuye intonga nephupho lokuqhubela phambili emanya aMaMpinge. Wenze umsebenzi omkhulu kakhulu kuba nangona ebedibana nenkani zamamMpinge ngoku uyakubona ukukhanya ekupheleni kwetonela. Mpilonde Mawawa, ixhala phantsi onyana bakho nabafowenu ubafakile efolweni bayibambe nkqi ngeke iphuncuke tu. Ukhokhla ke ikomiti elawulayo emi ngoluhlobo entloko okwangoku:
Usihlalo- ngoka Ndude. Usekela wakhe ibe ngunkosi u Zwelenqaba Dungulu, unobhala ibeyingqungqumbana yenkosazana yaMampinge u Nomtshato Mantambo, unondyebo ibe ngoka Manana. Ikomiti inawo amalungu ongezelelweyo futhi intlanganiso zawo zivulelekile kuwo onke aMampinge.
10. Douglas Dalibandla MBIZA- Ligqala nenyange lamaMpinge nalo elafakwa engxakini ngutatu Majikija. Iminyaka ihambe injalo engasaphangeli enjalo bekunye no tatu Ndude bacuntsule kwimali zezibonelelo zobudala abazifumana kurhulumente bajikeleza ilizwe bewacenga amaMpinge ukuba amanyane. Namhlanje iphupho labo lifezekile. U DD njengoko esaziwa AAAHHH!!!! DALIGUGU uyazidla ngobuMpinge bakhe futhi uyawathanda amaMpinge. Nkosi sikelela lamaxhego kwkunye nawo onke amanye asemaMpingeni uwandisele bawo imihla yokuphila ade alibone lifezekiseka iphupho lika Majikija azokwazi ukungqina athi inene sifikile sangena kwilizwe lesithembiso”the promised land for amaMpinge amanyeneyo”
11. INKOSI U NGUBESIZWE NGONI. Ngunyana ka Marhawuzela ke lo. Yinkulu yamaMpinge amanyeneyo jikelele. Yachongwa ngokusesikweni nga maMpinge emva kokuba evumelene ngamxhelo mnye ukuba onke amaMpinge ingcambu zawo ziseMbalisweni apho kwakulawula inkosi UMpinge. Yenye yenkosi eyathi yasondezwa ngotatu Mbiza no Ndude. Le nkosi ifike yenza imitsi. Ibenegalelo elikhulu ekumanyeni amaMpinge nokuqinisekisa ukuba izicwangciso zawo ziyimpumelelo. Sisizukulwana sengotya (Chief) yamaMpinge u Ngoni eyabetha ngemvubu umantyi u Hope yaze yanqunyanyiswa ebungotyeni ngokungekho semthethweni iminyaka elishumi elinesixhenxe. Emva kokuphela kwesinqumamiso zange amalungelo nobungotya bayo bubuyiselwe kude kube namhlanje. Abamhlophe bayazi mhlophe into yokuba xa befika ngo 1912 bafike iMbalisweni neziphaluka ingumhlaba wamaMpinge phantsi kuka Mdedelwa owayengomnye wonyana be ngotya u Ngoni. Ifuna ukulungiswa le nto ayilunganga( gross violation of human rights and illegal deprivation by colonialists)
12. INKOSI U ZWELENQABA DUNGULU. Unyanisile oka Nqevu xa esithi “inkunzi ikhethwa ematholeni” Inkosi uZwelenqaba lityendyana elichubeke okwengwevu. Ngunyana ka Nkosi “Shobha” Shawbury Mthawelanga Dungulu. Ilali yakwa Vetyu iphantsi kolawulo lwalenkosi nengumzukulwana ka Mazinywana. Indima edlalwe ngunyana ka Mthawelanga ingaphaya kokuqonda. AmaMpinge amthwalise uxanduva olungaphaya kokuqonda ngokuba azothi ntimfa umzi ka Mbhala kuye. Uxomolozile u Mawawa esiwa evuka ngamanye amaxesha enkolonkoloza yedwa. Namhlanje amaMpinga anekhaya lawo asele esuka kulala obumnandi ubuthongo kulo iyindlu kaMbhala. Yonke le nto yenziwe yayimpumelelo yilenkosi. Yinkosi enobuchule bendalo nekwazileyo ukuyiqokelela iyimanye indlu ka Dungulu. Iwaqokelele amaMpinge akwa Vetyu, yajikeleza idolophu nge dolophu isebenzisa itiki zosapho lwayo ijonge ekumanyeni amaMpinge. Phambili Mawawa uMbhala namanyange asemaMpingeni ajongile kwaye ayazingca ngawe.
13. INGOTYA U JONGISIZWE “JJ” NDZAMBULE. Ngunyana ka bawo USihumba no Madosini Ndzambule. Yingcali nengqondi yase maMpingeni. Itasi zikaMbhala zonke zikuye qha ubuzibaleka. Le ngotya ifike yenza imitsi kwimanyano yamaMpinge. Iye yazinikela kangangoko yashiya namadlelo awayethembisa ukuba luhlaza engaluhlazanga phofu yabuyela ekhaya. Ifike yancedisa kakhulu ngamacebiso nemikhomba ndlela yabambisana kakhulu nengwevu nenkosi ebesele ziqhuba. Nayo ingene kanobomi epokothweni ityelela amaMpinge kwindawo ngendawo ishumayela olumanyano. Iye yanceda kakhulu ekusondezeni ezinye zenkosi zamaMpinge kulemanyano. Phambili Mawawa.
14. LOYISO NQEVU- Uyathanda okanye awuthandi yingxaki yakho leyo, liciko lamaMpinge eli (Nqevu; the orator). Ewe nasemaMpingeni bakhona oNqevu, kodwa ngoNqevu abanomahluko nabamkelekilleyo eluntwini (amaTaliyane ebeyakuthi aba oNqevu ba **“sui generis”**aze ayitolike aMangesi athi (they are perculiar in kind) Sisisele se nyathi sokwenene esi. Isizwe sityebe siteketeke ngenxa ka Loyiso Nqevu. UMpinga unengxaki yokubona kodwa uphando alwenzayo etyhila incwadi ngencwadi alunokwenziwa nandim lo ucinga ukuba uyabona. UNqevu uye wanoxanduva lokuboshwa nengwevu ezingo Ndude no Mbiza beboshwa ngu Majikija. Uxomolozile urheme emane ethunywa zezingwevu. Udlae indima enkulu ekunweniseni le vangeli yemanyano yamaMpinge. Imvelaphi nomnombo wamaMpinge uyawucengceleza, ubhalwe watywinwa engqondweni yakhe. Noba ungamvusa elele angawa emxholweni.
Ingxaki yamehlo ayimthibazi tu nanjengoko ezinikele kwimicimbi yamaMpinge. Eliqhawe selivela kumaxethuka nengxondorha zomlambo iNgxingxolo. UTshawe umfo ka Gcaleka ovule aMampinge amehlo ngomba ka Mbhala wayengamphanga kuphumla umtaka Nqevu.
15. PHUMELELE MBAWULI- Indoda enesiphiwo esingummangaliso. Naye wafakwa edyokhweni ngo bawu Nqevu, Ndude no Mbiza. Ngumkhuthazi ophambili wamaMpinge odlale indima ephambili ekukhuthazeni amaMpinge ukuba anikele ekwakhiweni kwendlu kaMbhala. Ubawo uMbhawuli uncedisile kakhulu ekunikeni umkhombandlela enikela kangangoko. Kwaphambi kokuba iyondelelane le manyano yamaMpinge uMawawa wayesoloko ethe gqolo ehamba eshumayela le manyano. Emzini wasemaMpingeni onengxaki ubefika ancedise anikele aphinde aqhube umsebenzi ubenesidima ube yimpumelelo. Phambili Mpinga.
16. Dr MTHANDIWESIZWE PATRIOT NOQAMZA. Ingcali, ingcaphephe kwanenzululwazi kwezonyango ezijongene nobumi bengqondo. Engugqirha enjalo uveze umgaqo siseko wamaMpinge okwelona qondo liphezulu. Akuba eluvile ubizo akaphozisanga maseko wayishumayela ivangeli kwinto zooVutha zayibamba azayiyeka. AmaMpinge ane Website ngenxa yomtaka Noqamza. Yindoda enamacebo kakhulu nebonakalise ukuba ngumthandi wesizwe esimanyeneyo samaMpinge. Unikele kakhulu exhasa lemanyano asuke kude eMbizana ayotsho eNgcobo nako Madimbaza. Akaphelalanga nje kwezi zikhankanywe ngasentla, usondeze nonyana wakhe inkosana yaMampinge u Melikhaya Noqamza. U Melikhaya oyingcali kweze website nguye ovelise I website ye manyano yaMampinge. I kwanguye osoloko eyiphonononga ayilungise ukuze ibesemcimbini. Njengo tata wakhe ( like father like son) UMelikhaya uzidla kakhulu ngobu Mpinga bakhe yaye uzimisele kakhulu kule Manyano. Uyibambe kanjalo Senzwa amanyange aMampinge ajongile futhi sowuzibonakalisile ukuba nene nene ulimele ikhaya lakho eMampingeni.
17. NKOSANA HAPPY BOY MGXAJI. UMawawa akukhonto ingako enokuthethwa ngaye nanjengoko imbali yakhe ibekwe yacaca gca kwi website. Singatsho nje ukukhumbuza ukuba yintshatsheli kwezamanqindi eyayingqengqisa amadoda awayecela umngeni kwintshinga zakhe. Anzima lamaMpinge
18. CHRISTIAN THANDUXOLO NGQOBE. Umbhali nomqambi wengoma waMampinge. Kuyacaca ukuba ukuqamba nokubhala wakuncanca ebeleni kuyise naku Enock. Ingoma zakhe zikumgangatho kangangokuba beziye zichongwe kuze kuculwe zona kwiminyhadala yelizwe emalunga nokhuphiswano lwe kwayala (choirs). Enye yengoma zakhe ithi “Ayikho enye indlela masimanyane Makrestu”. Le ngoma ishumayela umanyano olu aMampinge aluphetheyo, lilonke lengoma iyakhuthaza ikwathi “Ayikho enye indlela masimanyane Mampinga. Umanyano ngamandla. Ibiyindoda enobuchule ibivuka nasebusuku itsho ingoma ibe iphethe usiba nencwadi. Ukuba ibisadla amazimba ibiyoba lulutho kwisizwe esimanyeneyo saMampinge.
19. KUMAMPINGE JIKELELE- Mampinge umsebenzi eniwenzileyo woukuzinikela ninikela nangezinto ngezinto ukuqinisekisa ukuba imanyano yaMampinge iba yimpumelelo uqhwatyelwa izandla. Ayabulelwa aMampinge athe xa inqwelo yokwakha umzi kaMbhala iziziliza ayixiphula ayisa phambili. Ayaziwa lo magorha eMampingeni kodwa ke imvume yokuwathi pahaha ibingekafumaneki. Le ncaza nengcaciso ayiphelelanga izomane isongezwa xa kumane kufunyanwa olunye ulwazi, Ayacelwa ke aMampinge aze ngaphambili namagama amagorha, amakroti nenkokheli zaMampinge angakhankanyangwa apha. Okwangoku bekusagxilwe kula avela kumgaqo siseko kungenjalo onke aMampinga ayalingana.
20. Komama abangonozala besizwe saMampinge nakwintombi zaseMampingeni, ningaqumbi niqalekise magorhakazi ezwe lakowethu. Anibekelwanga caleni tu koko uphando nocwaningo lusaqhuba. Njengoko nisazi sisuka kwi xesha lobumnyama apho idyokhwe yengcinezelo yayibetha kabini kuni. Siyazi ukuba nisikhulisile otata bekomagoli njalo njalo. Siyazi mhlophe into yokuba imizi imiswe nini nanjengoko benishiyeka noxanduva lokukhulisa abantwana, thina, nakhe umzi nijonge nemfuyo xa otata besesemisebenzini nasezimfazweni. Odadobawo baye benda bangenisa inkomo bancedise ekunikeni umkhombandlela komama nako dade wethu. Odade nabo bazeke mzekweni belandela ekhondweni benda balotyolwa ngenkomo yanda imfuyo satsho satya amasi. NGXATSHO KE MAGORHAKAZI AKOWETHU.
CAMAGU!!!!!!!!!!!!
Enkosi!!!Enkosi!!!Enkosi.
Nkosi Sikelela AMampinge
IVELISWE NGU : M.C.MANANA
YAHLUZWA NGU : GQIRHA M.P. NOQAMZA.
UMPHANDI : L. NQEVU, ISITHETHI, UMPHANDI NOSOZIMBALI WAMAMPINGE,